Imithetho Yezithuthuthu

Izigcina-ntloko Nokhuseleko Lwamehlo: Ukhuseleko Lwakho Lokuqala

Esona sixhobo sibalulekileyo sobuqu somkhweli wesithuthuthu sisigcina-ntloko sesithuthuthu. Umthetho ufuna ukuba bonke abakhweli bezithuthuthu nabakhweli abakunye nabo okanye abakhweli benqwelwana esecaleni banxibe isigcina-ntloko sesithuthuthu esivunyiweyo.

Kukho iintlobo neemilo ezininzi zezigcina-ntloko zezithuthuthu ezikhoyo, ezinamahlobo amabini aphambili:
• Isigcina-ntloko esigqume ubuso bonke nesivulekileyo.
• Izigcina-ntloko ezigqume ubuso bonke zinephaneli yesilevu ehlanganisa isikhuseli sobuso (ivayizo) esinika ukhuseleko olungcono lwamehlo, lomoya, lwelanga nolokwenzakala.
• Isigcina-ntloko sakho kufuneka sivunywe yi-SABS.
• Kufuneka silingane kakuhle kodwa singaqini kakhulu (phepha izigcina-ntloko ezikhululekileyo).
• Kufuneka sibe nomtya wesilevu obotshelelweyo noqiniswe kakuhle.

Izigcina-ntloko kufuneka:
• Zitshintshwe emva kwengozi okanye emva kokubethwa okukhulu.
• Zitshintshwe ukuba ziba khululekile, okanye imitya iguga.
• Zicocwe kuphela ngamanzi anesepha ethambileyo. Ezinye iikhemikhali nezicoci zinokuwenza buthathaka umgubo wangaphandle.

Amehlo akho afuna ukhuseleko kumoya, eluthulini, emvuleni, kwizinambuzane nakumatye aphoswa ngezinye iimoto. Yivayizo ebotshelelwe kwisigcina-ntloko okanye iigogo kuphela ezinika ukhuseleko lwamehlo olufunekayo ekukhweleni.

Ezinye izithuthuthu zineskrini okanye izikhuseli zokunika ukhuseleko kwimozulu. Ezi azinikeli khuseleko lwaneleyo lwamehlo kwaye kufuneka usasebenzise ivayizo okanye iigogo ukukhusela amehlo akho.

Ivayizo neegogo kufuneka:
• Zicoceke kwaye zingakrwecwanga.
• Zingaqhekeki.
• Zibe neelensi ezicacileyo zokusetyenziswa ebusuku.